Ukusukela ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kwinyanga yoMdumba, amafama aseMzantsi Afrika avumelekile ukuba angenise idriwa yawo kwiimalike zasePhilippines.
Image: Pexels
Kuvuleleke ithuba elitsha kumafama weli avelisa idriwa emva kokuba kutyityikwe isivumelwano sokuba idriwa yoMzantsi Afrika ithunyelwe kwilizwe lasePhilippines.
Ukusukela ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kwinyanga ephelileyo, amafama weli loMzantsi Afrika avumelekile ukungenisa idriwa yawo kwiimalike zelizwe lasePhilippines.
Le yimpumelelo ebangelwe ziingxoxo ezithathe iminyaka elishumi ukusukela ekuqaleni konyaka ka2015 phakathi korhulumente weli kwakunye nelizwe lasePhilippines. Ilizwe loMzantsi Afrika libalwa namazwe amahlanu kwihlabathi ahamba phambili ngokuvelisa idriwa esemgangathweni.
"Ukukhula kweendawo ezithengiswa kuzo imveliso zolimo ehlabathini kungabangela ukuba amafama akhule, kudaleke imisebenzi logama ezolimo zikwadlala indima ukukhulisa imali yengeniso yelizwe loMzantsi Afrika," kutsho uMphathiswa wezoLimo uJohn Steenhuisen.
Ingxelo yeStatistics South Africa yesiqingatha sesine sonyaka ophelileyo ibonisa ukukhula koqoqosho, kwaye ezolimo zidlala indima enkulu kolu hlumo loqoqosho.
USteenhuisen ukwakhuthaze amafama avelisa idriwa ukuba abhalise kuluhlu lweSebe lakhe ukuze akwazi ukuthumela iimveliso zawo kwilizwe lasePhilippines namanye amazwe ehlabathi.
"Amafama kufuneka alandele yonke imiqathango efunekayo ukuze kubelula ukuthengiswa kweemveliso zawo kwela lizwe lasePhilippines nakwamanye amazwe ehlabathi," kutsho uSteenhuisen.
Ukuthengisa kumazwe ehlabathi yeyona nto inqwenelwa ngawo onke amafama nanjengoko efumana ithuba lokunabisa iimpiko zawo kwiimalike zehlabathi.
Related Topics: