Independent Media UMbekezeli Mbokazi uphakathi kwabafumene amagowuli emdlalweni weNedbank Cup wanamhlanje
Image: Facebook
Liqhawe uSipho Chaine emva kokuba encede i'Orlando Pirates ezibekele indawo kumjikelo olandelayo weNedbank Cup. Oku kwenzeke emva kokuba iPirates yoyise iSuperSport United ngo'5-4 kwiipenela emdlalweni weNedbank Cup obubambene e'Old Peter Mokaba Stadium namhlanje emalanga.
Kuye kwanyanzeleka ukuba umdlalo uye kwixesha elongezelelweyo emva kokuba uphele amaqela ebambene ngamagowuli amabini macala omabini. Isiqingatha sokuqala besinika umdla kakhulu ngoba besinamagowuli. Omabini amaqela avale amazibuko kwimizuzu yokuqala kungekho elifuna ukulahlekelwa.
Iqhufuze iqanda kodwa iPirates ngebhola entle efakwe ngumdlali osemtsha, uMbekezeli Mbokazi, obekade edlala kwiMultiChoice Diski Challenge. Azamile ukulwa Amatsatsantsa asePitoli efuna igowuli lokulinganisa ePeter Mokaba Stadium endala ebingagcwelanga ngendlela ebilindelekile.
Kuthe xa kusondela isiphelo sesiqingatha sokuqala, uTerrence Dzvukamanja ufake igowuli lokulinganisa emva kokuba uSipho Chaine ebhidise abadlali ngaphandle komhlaba wakhe. Kwangoko kwisigaba sesibini, uEvidence Makgopa ufake igowuli lesibini emva kokudlalelwa nguNkota.
Khange inikezele iSuperSport efumene igowuli lesibini ngebhola efakwe nguGape Moralo. Omabini amaqela akakwazanga ukufaka amagowuli kwixesha likasompempe. Kuyiwe kwiipenela apho iPirates iye yaphumelela emva kokuncedwa nguChaine ovimbe iibhola ezimbini.
Related Topics: