UnoNtlalontle uVuyolwethu Bophi uthe ukuhlukunyezwa lichaphaza elibi.
Ithe gqolo imizamo yokunqanda nokugqogqa amadoda iindlebe ukuba aphumane nomkhwa wokunukubeza abafazi nabantwana. Kutsha nje ukubulawa kudlwengulwe abafazi kuxhaphakile kwaye kufaniswa nentsholongwane entsha. Lomkhwa wokubulawa kwabafazi nokuxhatshazwa ngokwesondo kubangele imibutho emininzi ingalali buthongo buhlayo izama ukuthintela lengxubakaxaka. Kodwa elidabi kunzima ukuthomalala. Kodwa nangona kunjalo, imibutho esebenza ekuhlaleni kunye neenkonzo zithi akulahlwa mbeleko ngakufelwa. KumGqibelo esisusk akuwo iinkonzo ezahlukeneyo zimeme iinkokheli zamabandla ukuza kuxukusha lobhubhane. Amadoda akhathalayo nanothando ancame iingubo zawo ezishushu nemisebenzi yawo yemizi yawo, ukuza kugxwala emswaneni. Athe agxalathelana kwiholo yombutho iKhanyisa yaseCesvi phaya ePhilippi zizokukhuza lomlingo.
Bethetha ngazwinye, lezinkokheli zithe akunyamezeleki ukwenzeka kwilokishi ingakumbi kwezo zabantsundo nalapho amanina afela ezandleni zabantu abathi bayabatganda. Kodwa zikwathe lomkhwa kuxoxwa ngawo uyaziwa kwaye waqala kwincwadi eNgcwele, iBhayibhile. Obekhokele le ndibano uMfundisi Lugongolo uthe akaukho ukuhlala kusonngwe izandla ngexesha abantu besifa. Uthe iinjongo zabo bezinkokheli kukuphefumlelana ukusuka e
Kubantu baseKhayelitsha, Nyanga, Langa, Gugulethu nezinye indawo ezikufuni. Kuze kuthi emveni kwalendibano ubani nobani afuthelane nendawo yakhe. Uthe oko kungaluncedo. Isithethi esibalulekileyo uMfundisi Xolamzi Sam, nosuka kwicandelo lamadoda epalamente (Men’s Sector) ucebise neglithi makubekho aqumrhwana ezicaweni nalapho kuzakuncediswana neenkonzo ukulwa lomkhuba. Uthe kulamacandelo namaqumrhu kungakuhle xa kunokubakho amadoda aze afundise lawo angekhoyo. Uvumile ukuba into yokuhlukunyezwa kwabafai libali elide usukuka eBhayibhileni watsho esithi iinkzonzo kufuneka zizame indlela entsha yokunceda amaxhoba. “Iinkonzo makaziyeke ivangeli evisa kamnandi, zithethe poqo inyani nokwenzekayo. Andithi mazijike imithetho neendlela ezanza ngayo izinto kodwa mazazi ukuba umthandazo nokuphamisa izandla sithi umoya oyingcwele wehlile, ayiwancedi amaxhoba lonto. Amanye amaxhoba ayalila kuba esazi into ewalindele ekhaya. Mhlawumbi elinye lithathe imali katata yokugqibela layoyibetha enkonzweni, ngoku izakufunwa. Futhi kuyafuneka kubekho umnyango wesibini ecaweni, owononatlantle,” uthethe watsho. Ukwathe enye ingxubakaxaka yeyokuba kukho abafazi abaxhaphaza abanye ukukhusela amadoda. Uvalelise ngelithi iinkonzo azikakhuseli maxhoba xa singethuli isikhalo somntu ongumama. Unontlalontle wakwaCesvi uVuyolwethu Bophi uzobe umfanekiso ombi kakhulu ngokuhlukunyezwa koomama ezilokishini kuquka abefundisikazi noobhishopikazi. Uthe omnye wonobangela ziziyobisi. Naye uxwayisi ngelithi, ukuhkukunyezwa makungenziwa into yootata kuphela. Ebuza imiza yokuba sifike njani kulengxaki kwaye sawuphuma njani, uNkosazana Bophi ucele intsebenziswano macala onke.
Lendibano ibonise ngelithi kufuneka abantu baqeqeshwe ngobubi bokubulawa nokuphathwa kakubi koomama. Ithe kufuneka kusekwe amaqhumrhu azakulwa lomkhwa, kubekho nendawo zokuphilisa imiphefumlo ekrunekileyo. Kukwabongwe nabantu kunye nemibutho elwa lomkhuba kuyekwa ukwenza imingcelele xa kuthe kwabhubha umntu koko kufunwe isisombululo sokunqanda lomkhwa.