Ingcibi yodumo uMnu Sizinzo Maduna Nqabeni uswelekile eshiya iinkumbulo kumadoda amaninzi afana nooTony Yengeni, Fikile Mbalula nabanye.
Image: Voox Sonandzi
Mzi ontsundu iwile iNgcibi enkulu, inkosi yamadoda akwantu. Ingcibi le ngumntuomkhulu kwaXhosa umntu ohloniphekileyo okanye ohlonitshwa zizizwe zonke. Kalokuingcibi ayonyulwa kodwa iyazalwa, ayivotelwa sisininzi kodwa inikwa umkhontokokwayo sisizwe sayo. Ingcibi lena ngumntu okhonjwa ngabasele bengaphambili hayiayonyulwa ivotelwe sisininzi yona kodwa ivunywa sisininzi ngemisebenzi emihleyokwenza isizwe esihloniphekileyo.
Isizwe somzi ontsundu simile kwaye sine nkokheli ezingamadoda oqobo zigqitheengcibini, nditsho ooTata abakhokhela esisizwe saseMzantsi Africa.
Ukuze wamnkeleke kwaXhosa ekuhlaleni nje ngomntu opheleleyo nokhulileyo onokwazi ukukhokhela, kunyanzelekile uqale engcibini. Awukwazi kwaXhosa ukuthatha unkosikazi uzeke ubenabantwana, kunyanzelekile uqale engcibini. Ukuze ume emaxhantini uthethe nabasele bendulukile, ungxengxeza, ubulela okanye ucela,kufuneka uqale engcibini xa ungumntu wesini sobudoda kwaXhosa. Nditsho nkqunonyana weNkosi ukhula ezazi ukuba uyinkosi yangomso kodwa sokuze abekweengakhange ayochopha phambi kwengcibini.
Namhanje siyabona ukuba iNgcibi ayisabalulekanga, ayinikwa sidima konke konke.Kubalulwa izifundiswa kodwa nazo ezo zigqithe eNgcibini. Abanye bathi selebephambili bekhokhela, benabafazi kodwa uphushuluke umsila kubonakale ukubakhange bafike engcibini, kulapho ibizwa khona iNgcibi.
Othethela iSomagwaza Institute uSikelela Zokufa uhambissa athi:
"Ndihlaba nje ikhwelo sibuyise isidima seNgcibi inkosi eyenza amadoda. Ndiyilendodandiyiyonje ndiqale eNgcibini kwinkosi yam, ndiyilendoda ndiyiyonje ndenziwe yiNkosiyam, ndiyilendoda ndiyiyo nje ndahlonipha imithetho endayinikwa yinkosi yamkhonukuze ndibeyindoda. Indoda ke ibonakala ngentlonipho, izenzo ezilungileyo,ihambo kwakunye nothatha uxanduva. Indoda ke lithandazwe, ingumkhuseli wekhayanesizwe sayo. Madoda masinike uTata uMaduna indawo yakhe nje ngeNgcibi, sizilengelixesha.
"Masizimase isikhumbuzo seNgcibi uBawo uMaduna sinxibe isinxibosesidoda sakwantu, sithathe induku zethu sikhombe indlela, sixwaye ingubozethu zokubhedesha kunyembelekile. Sakwenza njalo ke nange mini yokubekwa kwakhe nge 17May 2025."
"Aaah! Bawo Maduna, Nokhala, Msuthu, Gubevu, Jiyane, Tiba ,Mpungushe, Mandl’amakhulu, Mzi wakaPhalo iwile iNgcibi enkulu, inkosi yamadoda akwantu. Bawo Maduna yingcibi eyaziwayo jikelele kumzi ontsundu, wayengumntu omkhulu kwaXhosa kwaye ohloniphekile , ewathanda amasiko kunye nezithethe zesintu. Uvunywe sisininzi sabantu abamnyama ngemisebenzi emihle yakhe ," utshilo uMbulelo Mpofu othethela usapho nokuhlala.
"Le ngcibi yethu yafundisa amadoda amaninzi ukuba abenentlonipho, izenzo ezilungileyo, ihambo kwakunye nothatha uxanduva. Bakwazi ukuba ngamadoda athanda ilizwe, abantu, usapho, izihlobo, nezalamane, ibe ngumkhuseli wekhaya, ukuhlala kunye nesizwe sayo siphela," utshilo uMpofu.
Inkonzo yesikhumbuzo sakhe ibibanjwe ngoLwesithathu Gugulethu Community Civic Hall logama kwa umngcwabo wakhe uyakuqhutyelwa apho ngoMgqibelo.
Izaziso ezithe vetshe zingabuzwa nguMnumzana Mahamba Thuswa kwinombolo engu 072 499 3698.