Abahlali belipomakazi lise Lowa kuye kwanyazeleka ukuba bavale iingcangco balinikele umva ikhaya labo emva kokuba imibhobho yogutyulo lindle ithe yafeda kulelokishana.
Bathwele ubunzima abahlali base Lowa njengoko ilindle lingena ezindlini zabo libashiye bedyumfuza.
Eli lindle linyanzelise abanye babo bayishiye imizi yakho kwizitrato ezibini iSiphingo neTolofiya bebaleka umbudaka bamanzi anedaka lesiqa okanye ilindle.
Kwezizitrato nabathi abahlali zineenyanga zimdaka bhutyu, kunzima akusahambi zithuthi ukanti ukunge endlini ngunomji akungeneki nangoku sele bezame ukubeka amatayala okunyathela.
Ezondlelana zamatayala nazo zitshone dyumpu emanzini. Nto leyo eyenze uninzi lwabahlali lushiye amakhaya lubhace.
Oku kutyeshela indawo kwaninin mizi kwenze abobasele bahlale exhaleni kuba besithi lento izakuvulela nezigebenga kule mizi ingena bantu. Ivumva likurhaxa usemgama ukuba ufike kwezizitrato. Ukufika nje kuza awubuzi mntwini ukuba kwenzeka ntoni, kudada ilindle nelithi lingene ezindlini kweminye imizi. Kumanzi indawo yonke.
Kwabo baseleeyo ngumzamo omkhulu ukufikelela ezindlini zabo.
Lento inyanzelise imvisiswano kubamelwane ukuze kwabo banenyhweba yendawo eyomileyo bancede abangenayo ngokuthi baqephule phambi kwezindlu zabo.
Nangona kunjalo, kuba abantwana bakuhlala bengabantwana badlala kokokungcola. Into eyenza abazali baxhalabele impilo yabo.
Umama ohlal nabangwana bakhe ababini uNothemba Liwani uthi kunzima nokushiya abantwana bodwa. Intombazanana yakhe uyishioye kwimizana ekufuphi xa esiya etorhweni kuba esoyikisela ukuba ingasuke idlallele kula manzi amdaka. “Sixakiwe ukuba singenza njani. Akukho nceda singalucelanga kwabaphetheyo,” uhlomle wakho.
Uninzi lwamakhaya alusavulwa amacango neefestile ngaphandle kokuba kukho imfuneko engaphaya. Kaloku ivumba liyazenzela.
Kwabanye abahlali ityal baliphosa ngqo emagxeni kamasipala ngokungakwazi ukulungisa opayiphi abathwala ilindle. Kodwa abanye abahlali bathi umasipala akanatyala koko abahlali ngabo aboni.
Basola ngelithi ingxaki yeyokukhuthuzwa kwamalungu kamasipala ngoonqevu xa beyokulungisa. Umhlali uMzwandile Mbeka nothe impilo yabantwana babo isengcupheni, ugxeke abahlali ngoku ngakwazi ukukhusela abasebenzi bakamasipala xa beyolungisa le meko.
“Kaloku abasebenzi bayakhuthuzwa bakufika apha. Thina sithi mabenze njani. Ngabantwana babantu nootata babantu abaya. Ityala likuthi ngokungamanyani sikhusele abasebenzi,” utyatyadule watsho.
Evuma ukuba imeko ayintle kwaphela uthe uxhalabiule kukugula kwabantwana nabadala. Ukwathe uninzi lwabantu aluyishiyanga la ndaw ngenxa yokuthanda, koko bayishiyiswe bubumdaka nobukoli kwelinye icala.
* IsiXeko seKapa sithunyelelwe imibuzo malunga nesisihelegu kodwa asikaphenduli.